Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 17:4-15 Ibhayibhile (XHO96)

4. ingxelo enjalo uzuyiphande ude ubufumane ubunyani bayo. Ukuba yinyani ukuba ububi obunjalo buhlile kwaSirayeli,

5. loo mntu ubenzileyo uzumthathe umkhuphele ngaphandle kwedolophu, umxulube ngamatye ade afe.

6. Kambe ke angábulawa kuphela xa kukho abantu ababini nangaphezulu abanobu bungqina ngaye; kanti ke akanakubulawa ngobungqina bomntu omnye kuphela.

7. Kananjalo abantu abaya kuphosa amatye okuqala ngamangqina lawo, aze ke alandelwe ngabo bonke abanye abantu. Ngaloo ndlela ke woba ubuncothule ububi phakathi kwenu.

8. “Xa abalamli besoyiswa ngamatyala athile, nokuba ngawokwenzakalisa, ngaweembambano, okanye awokuhlasela, makaziswe kuloo ndawo yalathwe nguNdikhoyo uThixo wakho.

9. Umcimbi lowo uzuwubhekise kubabingeleli babaLevi ngokunjalo nomlamli osesikhundleni ngelo thuba, bawuphicothe bawugwebe umcimbi.

10. Bakuba bezivakalisile ke izimvo zabo uzuhambe ngazo, ungaphambuki nakancinane kuzo.

11. Uzusamkele ke isigwebo sabo, uhambe ngokwemiqathango abakunike yona, ungaphumi ecaleni.

12. Nabani na ongamthobeliyo umlamli okanye umbingeleli omisiweyo makabulawe, ukuze ngaloo ndlela buncothulwe ububi kwaSirayeli.

13. Wonke ubani uya kuthi akuyiva loo nto atsho oyike, kungabi sabakho bani ungomnye uphinda enze into enjalo.”

14. “Wakuba ungenile wada wazinza kwelo lizwe uliphiwa *nguNdikhoyo uThixo wakho, uya kuthi: ‘Nathi masibe nokumkani kwanjengezinye izizwe ezisingqongileyo.’

15. Qinisekisa ke ukuba loo ndoda uyikhethela ukuba ibe ngukumkani yileyo inyulwe *nguNdikhoyo uThixo wakho. Umntu omawumkhethe ngumntwan' othuthu, ingabi yintlanga.

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 17