Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 16:17-22 Ibhayibhile (XHO96)

17. ngokobungakanani bamathamsanqa ewaphiwe nguNdikhoyo uThixo wakho.”

18. “Kufuneka isizwe ngasinye simiselwe abalamli namanye amagosa kuzo zonke iidolophu zelo lizwe ulinikwa nguNdikhoyo uThixo wakho. La madoda ke kufuneka alawule abantu angakhethi buso.

19. Kufuneka angabugqwethi ubulungisa, angabi nagobe xa esenza izigqibo, angazamkeli izicengo, kuba izipho ezihamba nezicengo zimfamekisa namehlo ezilumko, ngokunjalo namadoda anyanisekileyo atsho enze izigqibo ezingafanelekanga.

20. Maxa onke kufuneka kulawule ubulungisa bodwa phakathi kwenu, khon' ukuze niphile nilimé elo lizwe nilinikwa nguNdikhoyo uThixo wenu.”

21. “Xa usenzela *uNdikhoyo uThixo wakho iqonga uze ungemisi mthi umele *isithixokazi uAshera ecaleni kwalo.

22. Uzungamisi nantsika yalitye, kuba úyichasile loo nto uNdikhoyo uThixo wakho.

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 16