Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 15:8-17 Ibhayibhile (XHO96)

8. Ndaweni yaloo nto uze ube nezinwe, umboleke umncede kangangoko eswele.

9. Uze ungali ukumboleka into ngenxa yokuba sowukufuphi unyaka wokucinywa kwamatyala. Into enjalo yinkohlakalo; uze ungayivumeli ingene nokungena oku engqondweni yakho. Xa uthe wala ukumnceda, yena uya kubhenela kuNdikhoyo, uze ke wena ube netyala.

10. Yiba nezinwe, umphe ungakrokri; ke yena uNdikhoyo uThixo wakho uya kukuthamsanqela kuyo yonke into oyenzayo.

11. Baya kusoloko bekhona abahlelelekileyo; ngoko ke ndiyaniyala ukuba ze nibe nezinwe ngakumawenu nakwabahlelelekileyo namahlwempu apho kwelo lizwe lenu.”

12. “Xa umwenu umHebhere okanye umHebherekazi ethe wathengiswa kuwe, walikhoboka lakho, aze akusebenzele iminyaka ibe mithandathu, uze umkhulule ngowesixhenxe.

13. Ekumkhululeni kwakho ke, uze ungamndululi ungamnikanga nto.

14. Uze ube nezinwe, umphe kwizinto othamsanqelwe ngazo *nguNdikhoyo uThixo wakho: iigusha, ingqolowa, newayini.

15. Khumbula ukuba nawe wawukhe walikhoboka kwelaseJiputa, waza uNdikhoyo uThixo wakho wakukhulula. Kungoko ndikunika lo myalelo namhlanje.

16. “Kambe ke xa ikhoboka lakho lisithi: ‘Andifuni kukhululeka ndikushiye,’ lisitsho kuba likuthanda, kuba lanelisekile nguwe nekhaya lakho,

17. uze ulithathe ulise elucangweni lwendlu yakho, uligqoboze iindlebe ngenyatyhowa. Ngolo hlobo ke loba likhoboka lakho bonke ubomi balo. Yoba seso ke nakwikhoboka elibhinqileyo.

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 15