Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 15:4-16 Ibhayibhile (XHO96)

4. Ke yena uNdikhoyo uThixo wenu uya kunithamsanqela kwelo lizwe aninika lona, kangangokuba kungabikho namnye umntu olihlwempu,

5. ukuba ngaba nithe namthobela nazinyamekela ukuzenza zonke izinto endiniyalele zona namhlanje.

6. UNdikhoyo uThixo wenu uya kunithamsanqela ngokwesithembiso sakhe. Niya kuba nako ukubolekisa ezizweni, kodwa nina ngokwenu ningaboleki nto mntwini. Niya kuba namagunya phezu kwezizwe, kodwa nina akukho sizwe siya kuba namagunya phezu kwenu.

7. “Kwelo lizwe aninika lona uNdikhoyo uThixo wenu, ukuba kuthe kwakho umwenu dolophini ithile osweleyo, uze ungavimbi usifinyeze isandla sakho, wale ukumnceda.

8. Ndaweni yaloo nto uze ube nezinwe, umboleke umncede kangangoko eswele.

9. Uze ungali ukumboleka into ngenxa yokuba sowukufuphi unyaka wokucinywa kwamatyala. Into enjalo yinkohlakalo; uze ungayivumeli ingene nokungena oku engqondweni yakho. Xa uthe wala ukumnceda, yena uya kubhenela kuNdikhoyo, uze ke wena ube netyala.

10. Yiba nezinwe, umphe ungakrokri; ke yena uNdikhoyo uThixo wakho uya kukuthamsanqela kuyo yonke into oyenzayo.

11. Baya kusoloko bekhona abahlelelekileyo; ngoko ke ndiyaniyala ukuba ze nibe nezinwe ngakumawenu nakwabahlelelekileyo namahlwempu apho kwelo lizwe lenu.”

12. “Xa umwenu umHebhere okanye umHebherekazi ethe wathengiswa kuwe, walikhoboka lakho, aze akusebenzele iminyaka ibe mithandathu, uze umkhulule ngowesixhenxe.

13. Ekumkhululeni kwakho ke, uze ungamndululi ungamnikanga nto.

14. Uze ube nezinwe, umphe kwizinto othamsanqelwe ngazo *nguNdikhoyo uThixo wakho: iigusha, ingqolowa, newayini.

15. Khumbula ukuba nawe wawukhe walikhoboka kwelaseJiputa, waza uNdikhoyo uThixo wakho wakukhulula. Kungoko ndikunika lo myalelo namhlanje.

16. “Kambe ke xa ikhoboka lakho lisithi: ‘Andifuni kukhululeka ndikushiye,’ lisitsho kuba likuthanda, kuba lanelisekile nguwe nekhaya lakho,

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 15