Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 15:14-23 Ibhayibhile (XHO96)

14. Uze ube nezinwe, umphe kwizinto othamsanqelwe ngazo *nguNdikhoyo uThixo wakho: iigusha, ingqolowa, newayini.

15. Khumbula ukuba nawe wawukhe walikhoboka kwelaseJiputa, waza uNdikhoyo uThixo wakho wakukhulula. Kungoko ndikunika lo myalelo namhlanje.

16. “Kambe ke xa ikhoboka lakho lisithi: ‘Andifuni kukhululeka ndikushiye,’ lisitsho kuba likuthanda, kuba lanelisekile nguwe nekhaya lakho,

17. uze ulithathe ulise elucangweni lwendlu yakho, uligqoboze iindlebe ngenyatyhowa. Ngolo hlobo ke loba likhoboka lakho bonke ubomi balo. Yoba seso ke nakwikhoboka elibhinqileyo.

18. Uze ungakhathazeki xa kufuneka ukhulule ikhoboka lakho; kaloku lona likusebenzele iminyaka emithandathu ngesiqingatha sexabiso obuya kulihlawula xa ubuliqeshile. Ukuba wenza ngale ndlela ke uNdikhoyo uThixo wakho uya kukuthamsanqela kuko konke okwenzayo.”

19. “Onke amazibulo angamaduna eenkomo naweegusha ayinxaxheba *kaNdikhoyo uThixo wakho; ezi nkomo uze ungazisebenzisi, ngokunjalo neegusha ungazichebi.

20. Minyaka le ke uya kuwathatha uye nawo kwindawo anqulelwa kuyo uNdikhoyo uThixo wakho, ufike uwaxhele uwatyele khona nosapho lwakho.

21. Kambe ke xa kukho elinesiphako kula mazibulo, noba liyaqhwalela, mhlawumbi liyimfama, okanye linaso nasiphi na isiphako, uzungamenzeli idini ngalo uNdikhoyo uThixo wakho.

22. Elinjalo ungalixhela ulityele ekhaya. Xa ninonke, nihlambulukile ningahlambulukanga, ningalitya kwanjengokuba nisitya inxala okanye imbabala.

23. Kambe ke lona igazi lalo sukulitya, koko lichithe phantsi okwamanzi.”

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 15