1. “Njalo ekupheleni konyaka wesixhenxe iya kuba lithuba lokucinywa kwamatyala.
2. Le nto ke noyenza ngolu hlobo: Nabani na obeboleke uwabo ulutho kufuneka alicime elo tyala, angabi sayithatha loo nto, kuba lithuba lokucinywa kwamatyala elimiselwe *nguNdikhoyo.
3. Yona into oyibanjwa yintlanga ungayibiza, kodwa oyibanjwa ngumwenu ungabi sayithatha.
4. Ke yena uNdikhoyo uThixo wenu uya kunithamsanqela kwelo lizwe aninika lona, kangangokuba kungabikho namnye umntu olihlwempu,