Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 15:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Njalo ekupheleni konyaka wesixhenxe iya kuba lithuba lokucinywa kwamatyala.

2. Le nto ke noyenza ngolu hlobo: Nabani na obeboleke uwabo ulutho kufuneka alicime elo tyala, angabi sayithatha loo nto, kuba lithuba lokucinywa kwamatyala elimiselwe *nguNdikhoyo.

3. Yona into oyibanjwa yintlanga ungayibiza, kodwa oyibanjwa ngumwenu ungabi sayithatha.

4. Ke yena uNdikhoyo uThixo wenu uya kunithamsanqela kwelo lizwe aninika lona, kangangokuba kungabikho namnye umntu olihlwempu,

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 15