Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 14:3-19 Ibhayibhile (XHO96)

3. “Yonke into athi *uNdikhoyo lisikizi ze ningayityi.

4. Nazi izinto enivumelekileyo ukuba nizitye: inkomo, igusha, ibhokwe,

5. inxala, ibhadi, imbabala, itshabangqa, inqu, neula,

6. naso nasiphi na isilwanyana esimpuphu zicandiweyo, futhi sisetyisa.

7. Isilwanyana emasityiwe sesineempuphu ezicandiweyo, esetyisayo. Yona inkamela, umvundla, nembila, azityiwa. Zona azihlambulukanga, kuba ziyetyisa, kodwa iimpuphu zazo azicandwanga.

8. Ngokunjalo nehagu ayityiwa, kuba nayo ayihlambulukanga; kaloku iimpuphu zayo zicandiwe, kodwa ayetyisi. Ezi zilwanyana ke ze ningazityi, futhi nezidumbu zazo ningaze nizichukumise.

9. “Zonke iindidi zeentlanzi ezinamaphiko namaxolo ningazitya.

10. Kambe ke yonke into ehlala emanzini ingenawo amaphiko namaxolo sanukuyitya, *inomlaza.

11. “Zonke iintaka ezihlambulukileyo ningazitya.

12-18. Kambe ke nazi ezingàtyiwayo: ukhozi, isikhova, ukhetshe, intambanane, untloyiya, ixhalanga, ihlungulu, inciniba, ingabangaba, ukhwalimanzi, udebeza, ingwamza, isihulu-hulu, ubhobhoyi, nelulwane – zonke ezi nezifana nazo.

19. Zonke izinambuzane ezibhabhayo ezingahlambulukanga mazingatyiwa.

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 14