Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 14:2-10 Ibhayibhile (XHO96)

2. Kaloku nina niyimilowo kaNdikhoyo ncakasana; kuzo zonke izizwe zehlabathi nina waninyula ukuba nibe libango lakhe.”

3. “Yonke into athi *uNdikhoyo lisikizi ze ningayityi.

4. Nazi izinto enivumelekileyo ukuba nizitye: inkomo, igusha, ibhokwe,

5. inxala, ibhadi, imbabala, itshabangqa, inqu, neula,

6. naso nasiphi na isilwanyana esimpuphu zicandiweyo, futhi sisetyisa.

7. Isilwanyana emasityiwe sesineempuphu ezicandiweyo, esetyisayo. Yona inkamela, umvundla, nembila, azityiwa. Zona azihlambulukanga, kuba ziyetyisa, kodwa iimpuphu zazo azicandwanga.

8. Ngokunjalo nehagu ayityiwa, kuba nayo ayihlambulukanga; kaloku iimpuphu zayo zicandiwe, kodwa ayetyisi. Ezi zilwanyana ke ze ningazityi, futhi nezidumbu zazo ningaze nizichukumise.

9. “Zonke iindidi zeentlanzi ezinamaphiko namaxolo ningazitya.

10. Kambe ke yonke into ehlala emanzini ingenawo amaphiko namaxolo sanukuyitya, *inomlaza.

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 14