Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 13:12-18 Ibhayibhile (XHO96)

12. “Xa senihlala kwezo zixeko aniphe zona uNdikhoyo uThixo wenu, kungenzeka nive

13. ukuba kukho zinkewu zilulahlekisileyo uhlanga apho esixekweni, zisithi: ‘Masiye kunqula abanye oothixo’ – thixo abo eningabaziyo.

14. Nakuba niluvile ke umingi-mingi olunjalo, luphandeni ngokucokisekileyo; nithi ke ukuba luyinyani, kwaye kucace mhlophe ukuba ngenene likho isikizi elinjalo elenzekileyo,

15. ze nibabulale bonke abemi beso sixeko ndawonye nemfuyo yabo. Ewe, vuthululani konke kutshabalale.

16. Ziqokeleleni zonke izinto ezizezâbo bantu, nizifumbe ebaleni lembutho. Watshiseni onke loo maxhoba ndawonye nesixeko eso, nenzele uNdikhoyo uThixo wenu umnikelo otshiswayo. Mayisale ilinxuwa nanini nanini, ingaze iphinde yakhiwe.

17. Ningabokuzishiyela nento le kwebezimiselwe ukutshatyalaliswa. Ukuba niyenzile ke loo nto uNdikhoyo uya kwetha emsindweni wakhe, abe novelwano ngani. Ngenene wosikwa yinceba, anandise ngokwesithembiso sesifungo sakhe kooyihlo-mkhulu

18. xa nithe nayithobela imiyalelo yakhe endinimisele yona namhlanje, nakwenza konke akufunayo uNdikhoyo uThixo wenu.”

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 13