Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 12:30-32 Ibhayibhile (XHO96)

30. Akuba ezitshabalalisile ke uNdikhoyo ezi zizwe, lumkani ningangeni kumgibe wokubuzisa *ngoothixo bazo, nisithi: ‘Zibakhonza njani oothixo ezi zizwe, ukuze nathi senjenjalo?’

31. UNdikhoyo uThixo wenu ze ningamnquli ngeendlela ezibanqula ngayo oothixo bazo, kuba kaloku zona zinqula ngeendlela ezimanyumnyezi azicaphukelayo uNdikhoyo. Kaloku zona zide zitshise abantwana bazo emlilweni, zisenzela izithixo zazo amadini.

32. “Konke endiniyalela kona kwenzeni ngokwelizwi lam, ningaphambuki nakancinane ngokusuka nandise okanye niphungule.

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 12