Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 12:2-13 Ibhayibhile (XHO96)

2. Ze nizitshabalalise ziphele tu ezo ndawo zinqulela kuzo *oothixo bazo ezaa zizwe zalaa mhlaba niya kuwohlutha; nditsho ezisezintabeni eziphakamileyo, nezisezindulini, neziphantsi kwemithi eyokozelayo.

3. Amaqonga azo ze niwadilize; ke zona iintsika zazo zamatye ze niziqhekeze zibe ziingceba. Imifanekiso yazo eqingqiweyo ka-Ashera isithixokazi sazo ze niyitshise; ngokunjalo neminye imifanekiso yazo eqingqiweyo ze niyinqunqe niyitshabalalise, acinywe amagama azo kwezo ndawo.

4. “Nina ke uNdikhoyo uThixo wenu ze ningamkhonzi ngale ndlela zinqula ngayo ezo zizwe.

5. Kumhlaba wenu uphela uNdikhoyo uya kukhetha indawo ibe nye qha apho liya kuzinza khona igama lakhe, ahlale khona, zize zithi ke zonke izindlu zenu zibuzise kuye khona.

6. Apho ke niya kuwenzela khona amadini enu atshiswayo ndawonye nawaphi na amadini angamanye, nezishumi, iminikelo, nezipho enibhambathisa ngazo, ngokunjalo namazibulo eenkomo naweegusha.

7. Apha phambi koNdikhoyo uThixo wenu onithamsanqelisayo nina neentsapho zenu niya kuxhamla ubuncwane bezinto enibulaleke ngazo.

8. “Ngelo xesha ke ze ningenzi njengoko niqhele ukwenza ngako. Ukuza kuthi gaa ngoku benisenza okulungileyo emehlweni enu,

9. kuba kaloku beningekangeni kwelo lizwe niliphiwa nguNdikhoyo uThixo wenu, apho niya kuphumla ngokonwaba khona.

10. Nakuthi nakuyiwela iJordan, uNdikhoyo anivumele ningene kwelo lizwe, nime kulo. Uya kunigcina nikhuselekile ezintshabeni, nihlale ngenzolo.

11. UNdikhoyo uThixo wenu uya kunyula indawo ibe nye apho liya kuzinza khona igama lakhe, ahlale khona. Zonke ke izinto endiniyalele ngazo nozisa khona: amadini atshiswayo namanye angawambi, izishumi neminikelo yemveliso yenu, ngokunjalo nezipho ezizodwa enibhambathisa ngazo kuNdikhoyo.

12. Ze nonwabe ke apho phambi kwakhe ndawonye neentsapho nezicaka zenu kunye nabaLevi enihlala nabo, kuba kaloku bona ababelwanga mhlaba ungowabo njengani.

13. Amadini atshiswayo akufuneki niwenzele naphi na apho nithanda khona,

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 12