Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 11:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Ngoko ke uze umthande uNdikhoyo uThixo wakho, ugcine isigxina sakhe, nemimiselo yakhe, nemigaqo nemiyalelo yakhe, nanini nanini.

2. Khumbula kaloku ukuba yayingengabo abantwana benu abângcamla amava engqeqesho kaNdikhoyo uThixo wenu, nditsho ubukhulu bakhe, namandla akhe, nobungangamsha bakhe,

3. nemiqondiso yakhe. Uzibonele ngokwakho izinto azenzileyo kukumkani wamaJiputa nelizwe lakhe liphela.

4. Andithi na kaloku uyibonile indlela awuvuthulule ngayo umkhosi wamaJiputa ndawonye neenqwelo zawo zamahashe, xa wawunisukelisa, waza yena wawukhukulisa kuLwandle oluBomvu, nto leyo eyabatshabalalisa nya.

5. Ngokunjalo yaziwa nini indlela anilondoloze ngayo entlango nada naza kufika kule ndawo.

6. Nisazikhumbula izigigaba azenzileyo kuDatan noAbhiram oonyana bakaEliyabhi wendlu kaRubhen. Kaloku umhlaba wakhamisa wabaginya behleli, ndawonye neentsapho zabo, iintente zabo, nemfuyo yabo; yonke ke loo nto isenzeka amaSirayeli onke ekhangele.

7. Ewe, ngenene nazibonela ngawenu amehlo zonke ezi zigigaba azenzileyo uNdikhoyo.”

8. “Ze niyithobele yonke imiyalelo endininike yona namhlanje. Xa niyenzile loo nto noba nawo amandla, niwele iJordan, ningene nilithathe elo lizwe niya kulo, libe lelenu.

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 11