Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 10:15-22 Ibhayibhile (XHO96)

15. Kambe ke uNdikhoyo ooyihlo wabathanda, wathi nca kubo, wanyula nina sizukulwana sabo kuzo zonke iintlanga, njengoko kusenjalo unanamhla.

16. Ngoko ke mthobeleni ngomxhelo uNdikhoyo, nahlukane neenkani.

17. Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu nguThixo woothixo, iNkosi yeenkosi; nguThixo oyingangamsha; uyingangalala ehloniphekileyo engakhethi cala, ibe ke akanyobeki.

18. Yena uyazikhusela iinkedama ndawonye nabahlolokazi. Nabangeneleli uyabathanda, ababonelele ngokutya nangempahla yokunxiba.

19. Ngoko ke nani bathandeni abangeneleli, kuba nani nanikhe nangabasemzini kwelaseJiputa.

20. Mhloneleni uNdikhoyo uThixo wenu, nimkhonze, nibambelele kuye, nifunge ngegama lakhe.

21. Uyimbangi yokudumisa kwenu, unguThixo wenu; ibe ke nizibonele ngawenu amehlo izinto ezinkulu nezimangalisayo anenzela zona.

22. Ukuya kwabo eJiputa ooyihlo-mkhulu babengamashumi asixhenxe kuphela. Kodwa ke ngoku uNdikhoyo uThixo wenu unandisile natsho nayinyambalala enjengeenkwenkwezi esibhakabhakeni.”

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 10