Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 10:1-16 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Ngelo thuba ke *uNdikhoyo wandiyalela wathi: ‘Qingqa amanye amacwecwe amabini amatye, afane nalawa okuqala, uwenzele ityesi ngomthi. Nyuka intaba, uze kum,

2. ukuze apho kuloo macwecwe ndibhale laa nto ndandiyibhale kulawa wawaphulayo, uze ke uwafake apho etyesini.’

3. “Ke kaloku ndayenza ityesi leyo ngomngampunzi, ndaza ndaqingqa namanye amacwecwe amabini amatye afana nalawa okuqala, ndenyuka nawo apho entabeni.

4. UNdikhoyo wabhala ke apho kuloo macwecwe kwalaa mazwi wayewabhale kulawa okuqala, imithetho elishumi leya wayenixelele yona ngokuya wayeselangatyeni lomlilo, mhla ngembizo entabeni. UNdikhoyo ke wawabuyisela kum amacwecwe lawo,

5. ndaza ke ndehla nawo apho entabeni. Ngokomlomo kaNdikhoyo ke ndawafaka kulaa tyesi ndandiyenzile. Aselapho ke unanamhla.

6. “AmaSirayeli ke anduluka apho kuloo maqula amaYakana, ajonga eMosera. UAron wafela apho ke, waza wangcwatywa, yona indawo yakhe yobubingeleli yathathwa ngunyana wakhe uElazare.

7. Ukuphuma kwawo ke apho aya kugaleleka eGudegoda, aza agqithela eYotebhata, umhlaba owawunemisinga yamanzi.

8. Ngelo xesha ke uNdikhoyo wabahlulela abaLevi umsebenzi wokulondoloza ityesi yomnqophiso, baququzelele *esibingelelweni sikaNdikoyo, bathamsanqele egameni lakhe. Yimisebenzi leyo basayenzayo unangoku.

9. Kungenxa yeso sizathu ke indlu kaLevi ingazange inikwe mhlaba ulilifa nje, njengezinye izindlu; ilifa layo yinkonzo kaNdikhoyo ngokwesithembiso sikaNdikhoyo uThixo wenu.

10. “Nangesi ke isihlandlo, kwanjengesiya sokuqala, ndahlala apho entabeni amashumi amane eentsuku nobusuku bazo. Kwakhona ke uNdikhoyo wandiva kuba kwakungeyontando yakhe ukunitshabalalisa.

11. Wathi ke kum uNdikhoyo: ‘Phakama uye kubakhokela abantu, khon' ukuze bangene balithathe elo lizwe ndibathembise ngalo ooyihlo ngesifungo.’ ”

12. “Phulaphulani ke, maSirayeli, ingaba yintoni afuna niyenze *uNdikhoyo uThixo wenu? Ufuna nimhlonele, ningaphambuki endleleni yakhe. Ufuna nimthande, nimkhonze ngengqondo yenu yonke nangomoya wenu wonke,

13. nithobele imiyalelo nemimiselo yakhe, le ndininika yona namhlanje ukuze kulunge kuni.

14. Kaloku amazulu, nditsho amazulu awo amazulu, ngakaNdikhoyo uThixo wenu, nehlabathi lelakhe, ngokunjalo nako konke okukulo.

15. Kambe ke uNdikhoyo ooyihlo wabathanda, wathi nca kubo, wanyula nina sizukulwana sabo kuzo zonke iintlanga, njengoko kusenjalo unanamhla.

16. Ngoko ke mthobeleni ngomxhelo uNdikhoyo, nahlukane neenkani.

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 10