Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 1:7-20 Ibhayibhile (XHO96)

7. Ngoko ke ndulukani, nisinge ngakumhlaba weentaba wama-Amori, niye kwizizwe eziwungqongileyo kwintili yeJordan, nommandla weentaba ngokunjalo, namathafa kumazantsi aloo ngingqi, ukuya kuthi xhaxhe kunxweme lolwandle. Ewe, jongani kwelaseKanana, niphumele kwiintaba zeLebhanon, niyokuthi gaa ngomlambo omkhulu iEfrati.

8. Niyabona, lo mhlaba ndiwunika nina. Ngoko ke hambani niwuthathe, nime kuwo. Kaloku ndênza isibhambathiso sokuwunika ookhokho benu, uAbraham, uIsake, noYakobi, ngokunjalo nezizukulwana zabo.’ ”

9. “Kaloku ngelo thuba sasikwintaba iHorebhe ndathetha nani, ndathi: ‘Mna andinakunithwala ndindodwa.

10. Kaloku *uNdikhoyo uThixo wenu unandise nayinyambalala enjengeenkwenkwezi ezisesibhaka-bhakeni.

11. Kambe ke uNdikhoyo uThixo wookhokho benu wanga anganandisa kaliwaka, anithamsanqelise ngokwesithembiso sakhe!

12. Kodwa ke, uxanduva olungaka lokusombulula amaqhina anixakayo ndingaluthwala njani ndedwa? Nditsho imithwalo yenu neembambano zenu.’

13. Kungoko ke ndathi: ‘Kwindlu nganye khethani amadoda azizilumko ezaziwayo, amadoda anamava, ukuze ndiwamisele ajongane nezidla umzi.’

14. Ke nina naphendula nathi: ‘Kuhle oku uceba ukukwenza.’

15. Ngoko ke ndawathatha loo madoda azizilumko anamava naniwakhethe ngokwezindlu zenu, ndawamisela ukuba ajongane neengxaki zenu. Ndawamisa ke ajongana namaqela angabantu abangamawaka, amakhulu, namashumi ngamahlanu, namashumi ngamanye. Ngokwenjenjalo ndaba ndinimisela amagosa ngokwezindlu zenu zonke.

16. “Ngelo xesha ke ndabayalela abaphicotha iimbambano ezivelayo phakathi kwenu, ndathi: ‘Umcimbi ngamnye ze niwuphicothe ningenaxanasi, noba ngowamaSirayeli odwa okanye ngowomSirayeli nomngeneleli.

17. Ze ningakhethi buso xa nigwebayo, koko ze nigwebe ulowo nalowo, noba ungubani na, ngokufanayo. Ze ningabi nadyudyu, ningoyiki mntu, kuba nigweba ngegunya likaThixo. Ke yona imicimbi enoyisayo ze niyizise kum, ndiyigwebe ngokwam.’

18. Kwangelo thuba ke ndaniyalela yonke into enimelwe kukuyenza.”

19. “Ke kaloku senza ngokomlomo *kaNdikhoyo, sanduluka entabeni iHorebhe, sacanda kweso sidikidiki sentlango eyoyikekayo, sajonga kweleentaba kuma-Amori. Sathi ke sakufika eKadeshe-bhaneya

20. ndathi ke mna: ‘Ngoku nifikile kumhlaba weentaba kwelama-Amori, mhlaba lowo asinika wona uNdikhoyo uThixo wethu.

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 1