Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 1:13-32 Ibhayibhile (XHO96)

13. Kungoko ke ndathi: ‘Kwindlu nganye khethani amadoda azizilumko ezaziwayo, amadoda anamava, ukuze ndiwamisele ajongane nezidla umzi.’

14. Ke nina naphendula nathi: ‘Kuhle oku uceba ukukwenza.’

15. Ngoko ke ndawathatha loo madoda azizilumko anamava naniwakhethe ngokwezindlu zenu, ndawamisela ukuba ajongane neengxaki zenu. Ndawamisa ke ajongana namaqela angabantu abangamawaka, amakhulu, namashumi ngamahlanu, namashumi ngamanye. Ngokwenjenjalo ndaba ndinimisela amagosa ngokwezindlu zenu zonke.

16. “Ngelo xesha ke ndabayalela abaphicotha iimbambano ezivelayo phakathi kwenu, ndathi: ‘Umcimbi ngamnye ze niwuphicothe ningenaxanasi, noba ngowamaSirayeli odwa okanye ngowomSirayeli nomngeneleli.

17. Ze ningakhethi buso xa nigwebayo, koko ze nigwebe ulowo nalowo, noba ungubani na, ngokufanayo. Ze ningabi nadyudyu, ningoyiki mntu, kuba nigweba ngegunya likaThixo. Ke yona imicimbi enoyisayo ze niyizise kum, ndiyigwebe ngokwam.’

18. Kwangelo thuba ke ndaniyalela yonke into enimelwe kukuyenza.”

19. “Ke kaloku senza ngokomlomo *kaNdikhoyo, sanduluka entabeni iHorebhe, sacanda kweso sidikidiki sentlango eyoyikekayo, sajonga kweleentaba kuma-Amori. Sathi ke sakufika eKadeshe-bhaneya

20. ndathi ke mna: ‘Ngoku nifikile kumhlaba weentaba kwelama-Amori, mhlaba lowo asinika wona uNdikhoyo uThixo wethu.

21. Niyabona, uNdikhoyo uThixo wenu, uninike lo mhlaba. Ngoko ke hambani niwuthathe, nime kuwo, njengoko uNdikhoyo uThixo wookhokho aniyalelayo. Sanukuba nexhala okanye noyike.’

22. “Kambe ke nina nonke neza kum, nathi: ‘Masithumele iintlola, ziye kuwujonga umhlaba, zisicebise ngeyona ndlela singayithathayo, futhi zisicebise nangokuma kweedolophu zakhona.’

23. Ke kaloku sevana ngaloo ndawo, ndaza ke mna ndanyula ishumi elinambini lamadoda, yanye kwindlu nganye.

24. Wona ke ahamba aya kutsho kweleentaba, aya kuma kwintili ye-Eshkoli, aza ke ayihlola.

25. Ekubuyeni kwawo asiphathela iziqhamo zakhona, enza nengxelo ethi elo lizwe asinika lona uNdikhoyo uThixo wethu lihle liyintombazana.

26. “Kambe ke nina navukelana nawo umyalelo kaNdikhoyo uThixo wenu, anavuma ukungena kulo elo lizwe.

27. Nahlala phantsi nakhalaza, nisithi: ‘UNdikhoyo usithiyile; ebengekhe asikhuphe kwelaseJiputa, aze azokusibeka esichengeni sokubulawa ngala ma-Amori!

28. Siya kuya phi na ke ngoku? Andithi kaloku nala madoda besiwathumile asityhafisile esithi abantu belo lizwe bomelele, futhi bade kunathi, ngokunjalo bahlala kwiidolophu ezinkulu ezibiyelwe ngeendonga ezirhec' izulu; kananjalo babone neengxilimbela ezingoonyana baka-Anaki!’

29. “Ke mna ndaniyala ndisithi: ‘Musani ukuba nedyudyu nixhalabe ngenxa yabo!

30. UNdikhoyo uThixo wenu nguye onikhokelayo. Yena wonilwela njengoko nambonayo esenjenjalo eJiputa

31. nasentlango. Andithi kaloku yena wanibeleka njengoko uyise enjenjalo kunyana wakhe, yonke loo ndlela kude kube ngoku?’

32. Kodwa ke, nakuba kunjalo, animthembanga uNdikhoyo uThixo wenu,

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 1