Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 1:1-10 Ibhayibhile (XHO96)

1. Le yintetho uMosis awayibhekisayo kumaSirayeli xa ayesentlango phesheya kweJordan kwicala lasempumalanga. Babekwintili yeJordan ngaseSufi, phakathi kweParan nezi dolophu: iTofele, iLabhan, iHazeroti, neDizahabhi.

2. Luhambo lweshumi elinanye lweentsuku ukusuka kwintaba iHorebhe ukuya eKadeshe-bhaneya xa udlula kweleentaba lase-Edom.

3. Ngomhla wokuqala kwinyanga yeshumi elinanye yonyaka wamashumi amane amaSirayeli aphumayo eJiputa, uMosis wawaxelela zonke izinto awayeziyalelwe *nguNdikhoyo malunga nawo.

4. Ngeli xesha ke kwakusemveni kokoyiswa kokumkani uSihon wama-Amori owayehlala eHeshbhon; ngokunjalo nokumkani uOgi waseBhashan owayekwiidolophu iAshtaroti ne-Edreyi.

5. Apho phesheya kweJordan kumhlaba waseMowabhi uMosis wasuka wayichaza imithetho kaThixo, wenjenje:

6. “Xa sasikwintaba iHorebhe uNdikhoyo uThixo wethu wathetha nathi, wathi: ‘Seninethuba elide nikule ntaba.

7. Ngoko ke ndulukani, nisinge ngakumhlaba weentaba wama-Amori, niye kwizizwe eziwungqongileyo kwintili yeJordan, nommandla weentaba ngokunjalo, namathafa kumazantsi aloo ngingqi, ukuya kuthi xhaxhe kunxweme lolwandle. Ewe, jongani kwelaseKanana, niphumele kwiintaba zeLebhanon, niyokuthi gaa ngomlambo omkhulu iEfrati.

8. Niyabona, lo mhlaba ndiwunika nina. Ngoko ke hambani niwuthathe, nime kuwo. Kaloku ndênza isibhambathiso sokuwunika ookhokho benu, uAbraham, uIsake, noYakobi, ngokunjalo nezizukulwana zabo.’ ”

9. “Kaloku ngelo thuba sasikwintaba iHorebhe ndathetha nani, ndathi: ‘Mna andinakunithwala ndindodwa.

10. Kaloku *uNdikhoyo uThixo wenu unandise nayinyambalala enjengeenkwenkwezi ezisesibhaka-bhakeni.

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 1