Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 8:13-17 Ibhayibhile (XHO96)

13. INkosi iqhube yathi: “Uza kubabona besenza izinto ezinezothe ngaphezu kwezi.”

14. Indise kwisango elingentla lendlu kaNdikhoyo, ndaza ndabona abafazi behleli bezilele isithixo uTamuzi.

15. Ithe kum: “Uyayibona le nto, mntundini? Useza kubona amanyundululu angaphezu kwala.”

16. Ngoku indingenise phakathi kweyona nkundla yendlu kaNdikhoyo. Ngakwisango phakathi kweqonga nendawo yokuhamba kwakukho malunga namashumi amabini anesihlanu amadoda. Ayeyifulathele indlu kaNdikhoyo, ejonge empumalanga, equbuda kwilanga lasempuma.

17. Ithe kum: “Ukubonile oku, mntundini? Ngathi indlu kaJuda ayanelanga ngala manyundululu iwenzayo, ngoku izalise ilizwe lonke ngogonyamelo, indixhokonxa ngakumbi ukuze ndibe nomsindo. Babone ke aba bantu: nâbo bewangawangisa ngamasebe omdiliya ngasezimpumlweni zabo!

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 8