Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 7:2-10 Ibhayibhile (XHO96)

2. lisithi: “Mntundini, ithi iNkosi uNdikhoyo kwilizwe lakwaSirayeli:“Isiphelo!Isiphelo sifikile kwiimbombo zone zomhlaba!

3. Mhlabandini, sifikile ngoku isiphelo sakho,kwaye ndiza kukubasela ngomsindo wam;ndiza kukugweba ngokwezenzo zakho,ndiziphindezele ngenxa yamasikizi owenzileyo.

4. Andiyi kuba naluvelwano,ndingayi kuba nayo nenceba,koko ndiya kukubuyekeza ngenxa yezenzo zakho,uchanwe ngamanyundululu akho.Uya kutsho uqonde ukuba ndinguNdikhoyo.

5. “INkosi uNdikhoyo ithi:“Intlekele!Nants' intlekele!Nants' ifikile!

6. Isiphelo sifikile!Isiphelo sigalelekile!Siyakugragramela!Ewe, sifikile!

7. Intshabalalo igalelekile, mmindini weli lizwe.Ixesha lixheshile!Imini seyisondele;endaweni yovuyo yidyudyu ezintabeni.

8. Ndowukhuphela kuwe umsindo wam,ndiyiphelisele kuwe ingqumbo yam;ndiya kukohlwaya ngezenzo zakho,ndikubuyekeze ngamanyundululu akho.

9. Andiyi kuba naluvelwano,ndingayi kuba nayo nenceba,koko ndiya kukubuyekeza ngenxa yezenzo zakho,uchanwe ngamanyundululu akho.Uya kutsho uqonde ukuba ndim mna Ndikhoyo ogqebhayo.

10. “Lufikile usuku!Ewe, lufikile!Intshabalalo ithe momfu;intonga iqhakazile,ikratshi lidubule!

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 7