Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 5:2-9 Ibhayibhile (XHO96)

2. Kuya kuthi zakuphela iintsuku zorhangqo usitshise ngomlilo isithathu seenwele phakathi esixekweni; esinye isithathu ujikeleze naso ngaphandle kwesixeko, uhambe usinqunqa ngekrele; esokugqibela usilahle simke nomoya. Kaloku ndiya kuwaleqa ndiqhiwulé ikrele lam.

3. Uze ushiye iinwele ezimbalwa, uzifihle emgobeni wengubo yakho.

4. Uze uthathe zibe mbalwa kwezi, uziphose emlilweni zitshe. Umlilo uya kuqala apho, unwenwele kuyo yonke indlu kaSirayeli.”

5. Ithi iNkosi uNdikhoyo: “Le yiJerusalem endiyibeke phakathi kweentlanga, yaza yarhangqwa ngamazwe.

6. Kodwa ngenxa yenkohlakalo yayo iyivukele imithetho nemimiselo yam nangaphezu kweentlanga namazwe ayirhangqileyo. Iyibukule imithetho yam, yayityeshela imimiselo yam.

7. “Ngako oko ithi iNkosi uNdikhoyo: ‘Ube nobutshijolo ngaphezu kweentlanga ezikurhangqileyo, waza wayityeshela imimiselo yam, akwayithobela imithetho yam. Uyalabalaba nakumgangatho weentlanga ezikurhangqileyo.’ ”

8. Yaqhuba iNgangalala iNkosi uNdikhoyo yathi: “Ke ngoko mna ngokwam ndiyalwa nawe, Jerusalem, ndaye ndiza kukohlwaya iintlanga zijongile.

9. Ngenxa yamasikizi owenzileyo, kuwe ndiza kwenza into endingazange ndayenza ngaphambili, endingayi khuphinda ndiyenze nanini na.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 5