Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 5:12-17 Ibhayibhile (XHO96)

12. Isahlulo sesithathu sabantu bakho siya kufa ngubhubhani okanye sitshabalale yindlala phambi kwakho; esinye isithathu siya kubulawa ngekrele ngaphandle kweendonga zesixeko; esokugqibela isithathu ndiya kusisarhaza emoyeni, ndisileqe ndiqhiwulé ikrele lam.

13. “Emva koko ke uya kuphela umsindo kum, nokuqumba kuthothe, kuba ndiya kuba ndiziphindezele. Xa ingqumbo yam ndiyikhuphele kubo baya kwazi ukuba mna Ndikhoyo ndithethile ndiqhutywa likhwele lam.

14. “Ndiya kukwenza ube ngophaleleyo nesigculelo seentlanga ophakathi kwazo kwanâbo badlula ngendlela.

15. Uya kuba ngumqondiso osisigculelo nentlekisa nesikizi kwabo uhleli phakathi kwabo, xa ndikohlwaya ngomsindo nangengqumbo, ndikukhalimela kabukhali. Mna Ndikhoyo ndithethile.

16. Iintolo zam endinitshabalalisa ngazo yindlala. Ewe, ndiya kuyandisa indlala kuni ngokuvala ningakuzuzi ukudla.

17. Ndiya kunithumela ngendlala namarhamncwa, nize nisale ningenabantwana. Niya kuba sisisulu sikabhubhani nokuphalala kwegazi, kuba ndiya kulithumela kuni ikrele. Mna Ndikhoyo ndithethile.”

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 5