Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 5:10-14 Ibhayibhile (XHO96)

10. Ewe, kuwe ooyise baya kudla abantwana babo, abantwana badle ooyise. Ndiya kukohlwaya, ndize amasalela ndiwasarhaze emoyeni.

11. Mna ngokwam ndiyafunga, itsho iNkosi uNdikhoyo, njengokuba ungcolise isibingelelo sam esingcwele ngezithixo zakho ezinezothe nangezenzo zakho ezingamasikizi, ndiza kuzirhoxisa iimfefe zam kuwe; andiyi kuba naluvelwano.

12. Isahlulo sesithathu sabantu bakho siya kufa ngubhubhani okanye sitshabalale yindlala phambi kwakho; esinye isithathu siya kubulawa ngekrele ngaphandle kweendonga zesixeko; esokugqibela isithathu ndiya kusisarhaza emoyeni, ndisileqe ndiqhiwulé ikrele lam.

13. “Emva koko ke uya kuphela umsindo kum, nokuqumba kuthothe, kuba ndiya kuba ndiziphindezele. Xa ingqumbo yam ndiyikhuphele kubo baya kwazi ukuba mna Ndikhoyo ndithethile ndiqhutywa likhwele lam.

14. “Ndiya kukwenza ube ngophaleleyo nesigculelo seentlanga ophakathi kwazo kwanâbo badlula ngendlela.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 5