Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 48:24-32 Ibhayibhile (XHO96)

24. “USimon uya kuba nesabelo esinye; siya kumelana nomhlaba kaBhenjamin ukusuka empumalanga kuye entshonalanga.

25. “UIsakare uya kuba nesabelo esinye; siya kwayamana nomhlaba kaSimon ukusuka empumalanga kuye entshonalanga.

26. “UZebhulon uya kuba nesabelo esinye; siya kwayamana nomhlaba kaIsakare ukusuka empuma kuye entshona.

27. “UGadi uya kuba nesabelo esinye; siya kwayamana nomhlaba kaZebhulon ukusuka empuma kuye entshona.

28. “Umda ongezantsi kaGadi uya kusuka eTamare uthi gaa ngamanzi eMeribha-kadeshe, uze ukhweze umfula ongakwicala leYiputa, uthi gaa ngoLwandle oluKhulu.

29. “Nango ke umhlaba oya kuwabela izizwe zakwaSirayeli ube lilifa lazo ngokwezahlulo zazo,” utsho uNdikhoyo iNgangalala.

30. “Ngawo la amasango okuphuma esixekweni: Xa kuqalwa kwicala elisemantla, elibude buziikhilomitha ezimbini ezinekota,

31. amasango esixeko aya kuthiywa amagama ezizwe zamaSirayeli. Amasango amathathu angentla aya kuba lisango likaRubhen, isango likaJuda, nesango likaLevi.

32. “Ngakwicala lasempumalanga, elibude buziikhilomitha ezimbini ezinekota, kuya kubakho amasango amathathu: isango likaJosefu, isango likaBhenjamin, nesango likaDan.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 48