Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 48:22-34 Ibhayibhile (XHO96)

22. Ngoko ke umhlaba wabaLevi nomhlaba wesixeko uya kuba sesazulwini somhlaba wenkosi. Umhlaba wenkosi uya kuthi xhaxhe ngomda wakwaJuda kwelinye icala, uze uthi xhaxhe ngomda wakwaBhenjamin ngelinye.

23. “Ngokubhekiselele kwezinye izizwe: siya kuba sinye isabelo sikaBhenjamin; siya kusuka empumalanga siye ngasentshonalanga.

24. “USimon uya kuba nesabelo esinye; siya kumelana nomhlaba kaBhenjamin ukusuka empumalanga kuye entshonalanga.

25. “UIsakare uya kuba nesabelo esinye; siya kwayamana nomhlaba kaSimon ukusuka empumalanga kuye entshonalanga.

26. “UZebhulon uya kuba nesabelo esinye; siya kwayamana nomhlaba kaIsakare ukusuka empuma kuye entshona.

27. “UGadi uya kuba nesabelo esinye; siya kwayamana nomhlaba kaZebhulon ukusuka empuma kuye entshona.

28. “Umda ongezantsi kaGadi uya kusuka eTamare uthi gaa ngamanzi eMeribha-kadeshe, uze ukhweze umfula ongakwicala leYiputa, uthi gaa ngoLwandle oluKhulu.

29. “Nango ke umhlaba oya kuwabela izizwe zakwaSirayeli ube lilifa lazo ngokwezahlulo zazo,” utsho uNdikhoyo iNgangalala.

30. “Ngawo la amasango okuphuma esixekweni: Xa kuqalwa kwicala elisemantla, elibude buziikhilomitha ezimbini ezinekota,

31. amasango esixeko aya kuthiywa amagama ezizwe zamaSirayeli. Amasango amathathu angentla aya kuba lisango likaRubhen, isango likaJuda, nesango likaLevi.

32. “Ngakwicala lasempumalanga, elibude buziikhilomitha ezimbini ezinekota, kuya kubakho amasango amathathu: isango likaJosefu, isango likaBhenjamin, nesango likaDan.

33. “Ngakwicala lasemazantsi, elibude buziikhilomitha ezimbini ezinekota, kuya kubakho amasango amathathu: isango likaSimon, isango likaIsakare, nesango likaZebhulon.

34. “Ngakwicala lasentshonalanga, elibude buziikhilimitha ezimbini ezinekota, kuya kubakho amasango amathathu: isango likaGadi, isango lika-Ashere, nesango likaNafetali.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 48