Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 47:16-23 Ibhayibhile (XHO96)

16. uye eHamati naseBherota, naseSibrayim (emi kumda weDamasko neHamati) uye eHazere-hatikoni ekumda weHawuran.

17. Umda lo uya kusuka elwandle uye eHazare-enon, wayame umda osemantla eDamasko, nowamantla eHamati. Lo ke uya kuba ngumda wasemantla.

18. Ngasempumalanga umda uya kucanda phakathi kweHawuran neDamasko, wayame iJordan phakathi kweGiliyadi nelizwe lakwaSirayeli, uye kutsho kuLwandle oluFileyo, uthi gaa ngeTamare. Lo ke uya kuba ngumda wasempuma.

19. Emazantsi umda uya kuqala eTamare ude uye kuthi gaa ngamanzi eMeribha-kadeshe, uhambe ngomfula ongakwicala laseJiputa, uthi xhaxhe ngoLwandle oluKhulu. Lo ke uya kuba ngumda wamazantsi.

20. Kwicala lasentshonalanga umda uya kuba luLwandle oluKhulu, kuthi gaa ngendawo ejongene nenkalo yeHamati. Ngumda wasentshona ke lowo.

21. “Niya kuzabela lo mhlaba ngokwezizwe zakwaSirayeli ezilishumi elinambini.

22. Niya kuwaba ube lilifa lenu nelabangeneleli abêma phakathi kwenu kwasebuntwaneni. Niya kubathatha njengamaSirayeli othuthu; njengani ke baya kwabelwa ilifa phakathi kwezizwe zakwaSirayeli.

23. Umngeneleli uya kunikwa ilifa kweso sizwe emi phakathi kwaso,” utsho uNdikhoyo iNgangalala.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 47