Abalobi baya kuba selunxwemeni. Ukusuka e-Engedi kuye e-Eneglayim kuya kubakho iindawo zokwaneka iminatha. Kuya kubakho iindidi ngeendidi zeentlanzi zibe ninzi okweentlanzi zoLwandle oluKhulu.