Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 46:4-19 Ibhayibhile (XHO96)

4. Idini elitshiswayo eliya kuza nenkosi phambi kukaNdikhoyo ngoMhla wokuPhumla liya kuba ngamaduna amathandathu amaxhwane nenkunzi yegusha, zonke zingenasiphako.

5. Umnikelo weenkozo okhapha inkunzi yegusha uya kuba ziilitha ezilishumi elinesixhenxe elinesiqingatha ezihamba neelitha ezintathu zamafutha omnquma, kodwa lowa ukhapha amaxhwane uya kuba kangangokuthanda kwakhe, nto nje iikhilogram ezilishumi elinantandathu mazihambe neelitha ezintathu zamafutha.

6. NgoMhla wokuThwasa kweNyanga wonikela ngenkunzi eselula yenkomo, isithandathu samaxhwane, nenkunzi yegusha, zonke zingabi nasiphako.

7. Kufuneka akhuphe umnikelo weenkozo oziilitha ezilishumi elinesixhenxe elinesiqingatha uhamba nenkunzi yenkomo, kwanongako ohamba nenkunzi yegusha, yombini ikhatshwa ziilitha ezintathu zamafutha omnquma, kanti kumaxhwane uya kukhupha kangangokuthanda kwakhe, nto nje iikhilogram ezilishumi elinantandathu mazihambe neelitha ezintathu zamafutha.

8. Xa inkosi ingena yongena ngesango elinevaranda, ize iphume kwangalo.

9. “ ‘Xeshikweni abantu belizwe beze phambi koNdikhoyo ngexesha lemisitho emiselweyo, umntu othe wangena ngesango langentla eze kunqula kufuneka aphume ngesango langezantsi; othe wangena ngesango langezantsi kufuneka aphume ngesango langentla. Akukho mntu uya kuphuma ngesango ebengene ngalo, kodwa umntu ngamnye makaphume ngesango elijongene nalo.

10. Inkosi kufuneka ibe phakathi kwabo, ingene kunye nabo, ize iphume kunye nabo.

11. “ ‘Emibhiyozweni nakwimisitho emiselweyo umnikelo wokutya okuziinkozo ziilitha ezilishumi elinesixhenxe elinesiqingatha kunye neelitha ezintathu zamafutha omnquma ezihamba kunye nenkunzi yenkomo, ngokunjalo kunye nenkunzi yegusha. Phofu ezihamba namaxhwane ziya kuba ngangokuthanda komntu, nto nje iikhilogram ezilishumi elinantandathu mazihambe neelitha ezintathu zamafutha.

12. Xa inkosi yenza umnikelo kuNdikhoyo iqhutywa yintliziyo, nokuba lidini elitshiswayo, okanye umnikelo wobudlelwane, iya kuvulelwa isango elingasempuma. Idini layo elitshiswayo okanye umnikelo wobudlelwane iya kuwunikela njengoko isenza ngoMhla wokuPhumla. Yophuma ke, ize ithi yakuphuma livalwe isango.

13. “ ‘Yonke imihla khuphani ixhwane elimnyaka mnye elingenasiphako libe lidini likaNdikhoyo elitshiswayo; likhupheni yonke imihla kusasa.

14. Xa nilikhuphayo ngeentsasa zonke niya kukhupha nomnikelo womgubo wengqolowa oziikhilogram ezimbini oxutywe nelitha yamafutha omnquma. Ukwenza lo mnikelo kuNdikhoyo ngummiselo oya kuhlala uhleli.

15. Ngoko ke idini lexhwane nomnikelo wokutya okuziinkozo namafutha liya kwenziwa yonke imihla kusasa, libe lidini elitshiswayo eliya kuhlala lihleli.’

16. “Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: ‘Xa inkosi ithatha umhlaba elifeni layo ize yenze isipho komnye woonyana bayo loo mhlaba uya kuba lilifa lesizukulwana sakhe.

17. Kodwa ukuba ithathe umhlaba elifeni layo ize iphe isicaka sayo, loo mhlaba siwuphiweyo isicaka ngowaso de kufike unyaka wenguqulelo; ngelo thuba ke wobuyela enkosini. Ilifa layo leloonyana bayo kuphela.

18. Inkosi mayingabahluthi abantu ilifa labo, ibagxothe emhlabeni wabo. Ilifa loonyana bayo maliphume kumhlaba wayo, ukuze kungabikho mntu uhluthwa umhlaba wakhe.’ ”

19. Le ndoda yangena nam kumnyango omalunga nesango lamagumbi awodwa ababingeleli ajonge emantla, yandibonisa indawo esentla kwicala lasentshonalanga.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 46