Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 46:16-24 Ibhayibhile (XHO96)

16. “Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: ‘Xa inkosi ithatha umhlaba elifeni layo ize yenze isipho komnye woonyana bayo loo mhlaba uya kuba lilifa lesizukulwana sakhe.

17. Kodwa ukuba ithathe umhlaba elifeni layo ize iphe isicaka sayo, loo mhlaba siwuphiweyo isicaka ngowaso de kufike unyaka wenguqulelo; ngelo thuba ke wobuyela enkosini. Ilifa layo leloonyana bayo kuphela.

18. Inkosi mayingabahluthi abantu ilifa labo, ibagxothe emhlabeni wabo. Ilifa loonyana bayo maliphume kumhlaba wayo, ukuze kungabikho mntu uhluthwa umhlaba wakhe.’ ”

19. Le ndoda yangena nam kumnyango omalunga nesango lamagumbi awodwa ababingeleli ajonge emantla, yandibonisa indawo esentla kwicala lasentshonalanga.

20. Yathi ke kum: “Le ndawo kulapho ababingeleli baya kupheka khona amadini etyala nawesono, baze boje khona umnikelo wokutya, khon' ukuze bangezi nayo kwinkundla engaphandle, baze ngokwenza njalo babeke abantu esichengeni.”

21. Yandisa kwinkundla engaphandle, yandibonisa iimbombo zone zayo, kwimbombo nganye ndabona indawana ebiyelweyo.

22. Kuzo zone iimbombo zenkundla engaphandle kwakukho iindawana ezibiyelweyo ezibude bungamashumi amabini eemitha, nobubanzi obulishumi elinantlanu leemitha. Zazilingana zonke ezi ndawana ezikwiimbombo zone.

23. Umphakathi wezi ndawana nganye wawujikelezwe lungqameko lwamatye, olutyhutyhwe ngamaziko okuphemba umlilo ngaphantsi kwalo.

24. Yathi kum: “Ezi ziindawo zokupheka apho abaququzeleli bendlu kaThixo baphekela khona amadini aze nabantu.”

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 46