Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 46:1-10 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: ‘Isango lentendelezo ephakathi elijonge empumalanga kufuneka livalwe mba ngazo zonke iintsuku ezintandathu zomsebenzi, luze luvulwe *ngoMhla wokuPhumla nangoMhla wokuThwasa kweNyanga.

2. Inkosi iya kungena ngevaranda yesango, ize ime malunga nomgubasi. Ababingeleli baya kuyilungiselela idini elitshiswayo nomnikelo wobudlelwane. Iya kukhahlela isemgubasini wesango, ize yandule iphume, kodwa isango aliyi kuvalwa kude kube ngokuhlwa.

3. NgeMihla yokuPhumla neyokuThwasa kweNyanga abantu belizwe bonqula phambi kukaNdikhoyo ekungeneni kwesango.

4. Idini elitshiswayo eliya kuza nenkosi phambi kukaNdikhoyo ngoMhla wokuPhumla liya kuba ngamaduna amathandathu amaxhwane nenkunzi yegusha, zonke zingenasiphako.

5. Umnikelo weenkozo okhapha inkunzi yegusha uya kuba ziilitha ezilishumi elinesixhenxe elinesiqingatha ezihamba neelitha ezintathu zamafutha omnquma, kodwa lowa ukhapha amaxhwane uya kuba kangangokuthanda kwakhe, nto nje iikhilogram ezilishumi elinantandathu mazihambe neelitha ezintathu zamafutha.

6. NgoMhla wokuThwasa kweNyanga wonikela ngenkunzi eselula yenkomo, isithandathu samaxhwane, nenkunzi yegusha, zonke zingabi nasiphako.

7. Kufuneka akhuphe umnikelo weenkozo oziilitha ezilishumi elinesixhenxe elinesiqingatha uhamba nenkunzi yenkomo, kwanongako ohamba nenkunzi yegusha, yombini ikhatshwa ziilitha ezintathu zamafutha omnquma, kanti kumaxhwane uya kukhupha kangangokuthanda kwakhe, nto nje iikhilogram ezilishumi elinantandathu mazihambe neelitha ezintathu zamafutha.

8. Xa inkosi ingena yongena ngesango elinevaranda, ize iphume kwangalo.

9. “ ‘Xeshikweni abantu belizwe beze phambi koNdikhoyo ngexesha lemisitho emiselweyo, umntu othe wangena ngesango langentla eze kunqula kufuneka aphume ngesango langezantsi; othe wangena ngesango langezantsi kufuneka aphume ngesango langentla. Akukho mntu uya kuphuma ngesango ebengene ngalo, kodwa umntu ngamnye makaphume ngesango elijongene nalo.

10. Inkosi kufuneka ibe phakathi kwabo, ingene kunye nabo, ize iphume kunye nabo.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 46