Kwakhona makuthatyathwe igusha ibe nye kumhlambi wamakhulu amabini odla kumadlelo aluhlaza akwaSirayeli. Zona ke zosetyenziswa neminikelo yokutya, amadini atshiswayo, neminikelo yobudlelwane yokungxengxezela abantu,’ itsho iNgangalala uNdikhoyo.