Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 44:26-31 Ibhayibhile (XHO96)

26. Uya kulinda isixhenxe seentsuku emva kokuba ehlanjululwe.

27. Mhla wangena kwinkundla engaphakathi yesibingelelo kufuneka azenzele idini lesono, itsho iNkosi uNdikhoyo.

28. “Makube kuphela kwam ilifa lababingeleli. Mabanganikwa mhlaba ungowabo kwaSirayeli; ndim owabo.

29. Baya kutya iminikelo yokutya, neyamadini esono, nawetyala; nayo yonke into kwaSirayeli eyinxaxheba kaNdikhoyo iya kuba yeyabo.

30. Ulibo oluphambili lolwabo, kwanazo zonke izipho zenu ezizodwa. Niya kubanika isabelo sokuqala somgubo wenu ukuze usikeleleke umzi wenu.

31. Ababingeleli mabangayityi inyama yento efileyo okanye eqwengwe ngamarhamncwa, nokuba yintaka, nokuba sisilo.”

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 44