Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 44:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Yaza ke le ndoda yandibuyisela kwisango elingaphandle lesibingelelo, eli lijonge empumalanga; lalivaliwe.

2. Wathi *uNdikhoyo kum: “Eli sango malihlale livaliwe. Lize lingavulwa; kungangeni mntu ngalo. Liza kuhlala livaliwe kuba uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, ungene ngalo.

3. Yinkosi kuphela komntu onokuhlala ngaphakathi kwesango atye phambi kukaNdikhoyo. Iya kungena ngevaranda yesango, ize ibuye iphume kwangayo.”

4. Indoda yandisa phambi kwendlu kaThixo ngesango elingentla. Ndakhangela ndaza ndabubona ubuqaqawuli bukaNdikhoyo buyizalisa indlu kaThixo, ndacambalala ndifihla ubuso.

5. Wathi uNdikhoyo kum: “Mntundini, jongisisa ngamehlo akho, uphulaphule kakuhle ngeendlebe, uze ukuthathele ingqalelo konke endiza kukuxelela kona ngemigaqo yonke ebhekiselele kwindlu kaNdikhoyo. Bathathele ingqalelo bonke abangenayo nabaphumayo emasangweni esibingelelo.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 44