Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 43:9-16 Ibhayibhile (XHO96)

9. Ke ngoku amaSirayeli makabushenxise phambi kwam ubuhenyukazi bawo kwanezidumbu zookumkani bawo, ndize ke mna ndihlale phakathi kwawo ngonaphakade.

10. “Mntundini, bachazele ngendlu kaThixo abantu bakwaSirayeli, khon' ukuze bazidanele izono zabo. Mabayiqwalasele iplani yendlu yam,

11. ukuze kuthi ukuba bazidanele izono zabo ubazise ngeplani yendlu kaThixo – ukuma kwayo amasango okungena nawokuphuma, nabo bonke ubucukubhede beplani, kwanayo yonke imimiselo nemithetho yayo. Uze ezi zinto uzibhale phambi kwabo, ukuze banyaniseke eplanini, baqhube ngokwemimiselo yayo.

12. “Nangu ke umthetho wendlu kaThixo: yonke inkundla nommandla wayo phaya phezu kwentaba yoba yindawo yam ekhethekileyo. Unjalo umthetho wendlu kaThixo.”

13. “Nangu umlinganiselo weqonga lamadini ngokomlinganiselo ekulinganiselwa ngawo endlwini kaThixo: umjelo walo sisiqingatha semitha ubunzulu kwanobubanzi, unomqukumbelo oziisentimitha ezisibhozo. Naku ukuphakama kweqonga:

14. ukusuka phantsi kumjelo kuye kumphetho ongezantsi umphakamo yimitha, ububanzi bona sisiqingatha semitha, ukusuka kumphetho omncinane kuye komkhulu umphakamo ziimitha ezimbini, ububanzi bona bube kwasisiqingatha semitha.

15. Umphakamo weziko leqonga ziimitha ezimbini, kuze apho eziko kubekho iimpondo ezine ezijonge phezulu.

16. Iziko leqonga linamacala alinganayo; icala ngalinye lisisithandathu seemitha.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 43