Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 43:5-19 Ibhayibhile (XHO96)

5. UMoya wandifunqula wandibeka kwintendelezo ephakathi, yaza indlu kaThixo yazala bubuqaqawuli bukaNdikhoyo.

6. Isemi ngakum indoda leyo, ndeva kukho umntu esendlwini kaThixo ebhekisa kum,

7. wathi: “Mntundini, le yindawo yesihlalo sam nendawo endibeka kuyo iinyawo zam. Kulapha apho ndiza kuhlala khona phakathi kwamaSirayeli ngonaphakade. Indlu kaSirayeli ayisokuze iphinde ilixabhele igama lam elilodwa – nditsho wona neekumkani zawo – ngobuhenyukazi bawo nangokwenza iindawo eziphakamileyo zokungcwaba izidumbu zookumkani.

8. Athi akuyibeka imigubasi yawo ngakweyam, nemigubasi yeengcango zawo ngakweyeengcango zam, saza sahlulwa nje ludonga, alinyelisa igama lam ngezenzo zawo ezimanyumnyezi. Ke mna ndawatshabalalisa ndisemsindweni.

9. Ke ngoku amaSirayeli makabushenxise phambi kwam ubuhenyukazi bawo kwanezidumbu zookumkani bawo, ndize ke mna ndihlale phakathi kwawo ngonaphakade.

10. “Mntundini, bachazele ngendlu kaThixo abantu bakwaSirayeli, khon' ukuze bazidanele izono zabo. Mabayiqwalasele iplani yendlu yam,

11. ukuze kuthi ukuba bazidanele izono zabo ubazise ngeplani yendlu kaThixo – ukuma kwayo amasango okungena nawokuphuma, nabo bonke ubucukubhede beplani, kwanayo yonke imimiselo nemithetho yayo. Uze ezi zinto uzibhale phambi kwabo, ukuze banyaniseke eplanini, baqhube ngokwemimiselo yayo.

12. “Nangu ke umthetho wendlu kaThixo: yonke inkundla nommandla wayo phaya phezu kwentaba yoba yindawo yam ekhethekileyo. Unjalo umthetho wendlu kaThixo.”

13. “Nangu umlinganiselo weqonga lamadini ngokomlinganiselo ekulinganiselwa ngawo endlwini kaThixo: umjelo walo sisiqingatha semitha ubunzulu kwanobubanzi, unomqukumbelo oziisentimitha ezisibhozo. Naku ukuphakama kweqonga:

14. ukusuka phantsi kumjelo kuye kumphetho ongezantsi umphakamo yimitha, ububanzi bona sisiqingatha semitha, ukusuka kumphetho omncinane kuye komkhulu umphakamo ziimitha ezimbini, ububanzi bona bube kwasisiqingatha semitha.

15. Umphakamo weziko leqonga ziimitha ezimbini, kuze apho eziko kubekho iimpondo ezine ezijonge phezulu.

16. Iziko leqonga linamacala alinganayo; icala ngalinye lisisithandathu seemitha.

17. Umphetho ongentla nawo unamacala alinganayo, uziimitha ezisisixhenxe ubude nobubanzi, unomqukumbelo oziisentimitha ezingamashumi amabini anantlanu, waza wajikelezwa ngumjelo osisiqingatha semitha. Izinyuko zeqonga zijonge empumalanga.”

18. Waza wathi kum: “Mntundini, itsho iNkosi *uNdikhoyo ukuthi: Nantsi imigaqo yedini elitshiswayo nokutshizwa kwegazi eqongeni xa selakhiwe.

19. Uya kunikezela kubabingeleli abangabaLevi bendlu kaZadoki (bona banako ukuma phambi kwam bandikhonze) ngenkunzi eselula yenkomo ibe lidini lokungxengxezela isono, utsho uNdikhoyo iNkosi.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 43