Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 43:20-27 Ibhayibhile (XHO96)

20. Uya kuthatha inxalenye yegazi layo uliqabe kwiimpondo zone zeqonga nakwiimbombo zone zomphetho ongentla nakulo lonke ungqameko, ube ke ngokwenjenjalo uhlambulula iqonga ulingxengxezela.

21. Uya kuthatha inkunzi yedini lokungxengxezela isono uyitshisele kwindawo emiselwe loo nto endlwini kaThixo, kodwa ibe ngaphandle kwesibingelelo.

22. “Ngosuku lwesibini uya kunikela ngenkunzi yebhokhwe engenasiphako ibe lidini lokungxengxezela isono. Iqonga lohlanjululwa njengoko bekwenziwe ngenkunzi yenkomo.

23. Lakuba lihlanjululwe iqonga uya kunikela ngenkunzi yenkomo eselula nenkunzi yegusha ephuma emhlambini. Zombini ke zingabi nasiphako.

24. Uya kuzinikela phambi kukaNdikhoyo, baze ababingeleli basasaze ityuwa kuzo, zibe lidini likaNdikhoyo elitshiswayo.

25. “Uya kugqiba iintsuku ezisixhenxe unikela ngenkunzi yebhokhwe ngelanga, ibe lidini lesono; uya kukhupha nenkunzi yenkomo eselula kwanenkunzi yebhokhwe emhlambini, zombini zingabi nasiphako.

26. Uya kuthatha iintsuku ezisixhenxe ucamagushela iqonga ulihlambulula; ngokwenjenje ke liya kuba liyanikezelwa.

27. Emva kwezi ntsuku, oko kukuthi ukusuka kusuku lwesibhozo, amadini atshiswayo neminikelo yobudlelane yenu iya kunikelwa ngababingeleli kweli qonga. Ngale ndlela ke niya kwamkeleka kum, itsho iNgangalala uNdikhoyo.”

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 43