Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 43:17-22 Ibhayibhile (XHO96)

17. Umphetho ongentla nawo unamacala alinganayo, uziimitha ezisisixhenxe ubude nobubanzi, unomqukumbelo oziisentimitha ezingamashumi amabini anantlanu, waza wajikelezwa ngumjelo osisiqingatha semitha. Izinyuko zeqonga zijonge empumalanga.”

18. Waza wathi kum: “Mntundini, itsho iNkosi *uNdikhoyo ukuthi: Nantsi imigaqo yedini elitshiswayo nokutshizwa kwegazi eqongeni xa selakhiwe.

19. Uya kunikezela kubabingeleli abangabaLevi bendlu kaZadoki (bona banako ukuma phambi kwam bandikhonze) ngenkunzi eselula yenkomo ibe lidini lokungxengxezela isono, utsho uNdikhoyo iNkosi.

20. Uya kuthatha inxalenye yegazi layo uliqabe kwiimpondo zone zeqonga nakwiimbombo zone zomphetho ongentla nakulo lonke ungqameko, ube ke ngokwenjenjalo uhlambulula iqonga ulingxengxezela.

21. Uya kuthatha inkunzi yedini lokungxengxezela isono uyitshisele kwindawo emiselwe loo nto endlwini kaThixo, kodwa ibe ngaphandle kwesibingelelo.

22. “Ngosuku lwesibini uya kunikela ngenkunzi yebhokhwe engenasiphako ibe lidini lokungxengxezela isono. Iqonga lohlanjululwa njengoko bekwenziwe ngenkunzi yenkomo.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 43