Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 43:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. Le ndoda yandisa kwisango elijonge empumalanga,

2. ndaza ndabubona ubuqaqawuli bukaThixo kaSirayeli buvela ngasempumalanga. Ilizwi lakhe langa ngumgqumo womsinga wamanzi, waza umhlaba wakhanya bubuqaqawuli bakhe.

3. Umbono endawubonayo nqwa nalowo ndawubonayo mhlenikwezeni wayeze kutshabalalisa isixeko, kwanaloo mibono ndayibonayo phezu komlambo iKebhare, ndaza ke mna ndalala tywaa ndifihla ubuso.

4. Ubuqaqawuli *bukaNdikhoyo bangena endlwini kaThixo ngesango elijonge empumalanga.

5. UMoya wandifunqula wandibeka kwintendelezo ephakathi, yaza indlu kaThixo yazala bubuqaqawuli bukaNdikhoyo.

6. Isemi ngakum indoda leyo, ndeva kukho umntu esendlwini kaThixo ebhekisa kum,

7. wathi: “Mntundini, le yindawo yesihlalo sam nendawo endibeka kuyo iinyawo zam. Kulapha apho ndiza kuhlala khona phakathi kwamaSirayeli ngonaphakade. Indlu kaSirayeli ayisokuze iphinde ilixabhele igama lam elilodwa – nditsho wona neekumkani zawo – ngobuhenyukazi bawo nangokwenza iindawo eziphakamileyo zokungcwaba izidumbu zookumkani.

8. Athi akuyibeka imigubasi yawo ngakweyam, nemigubasi yeengcango zawo ngakweyeengcango zam, saza sahlulwa nje ludonga, alinyelisa igama lam ngezenzo zawo ezimanyumnyezi. Ke mna ndawatshabalalisa ndisemsindweni.

9. Ke ngoku amaSirayeli makabushenxise phambi kwam ubuhenyukazi bawo kwanezidumbu zookumkani bawo, ndize ke mna ndihlale phakathi kwawo ngonaphakade.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 43