Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 42:3-9 Ibhayibhile (XHO96)

3. Kumacala omabini, icala elaliziimitha ezilishumi ukusuka kwintendelezo ephakathi nakwicala elalingqalene nendlela yentendelezo engaphandle yayiyimigangatho emithathu yeevaranda ezijongeneyo.

4. Ngaphambi kwamagumbi kwakukho inyoba ebubanzi busisihlanu seemitha nobude obungamashumi amahlanu eemitha. Iminyango engena enyobeni yayijonge emantla.

5. Awona magumbi aphezulu ayemxinwa, kuba ayedlelelelwe ziivaranda kunalawo akumgangatho osezantsi nophakathi.

6. Amagumbi omgangatho wesithathu ayengenazo iintsika njengoko kwakunjalo kwintendelezo; ngako oko ayemancinane kunalawo omgangatho osezantsi nophakathi.

7. Kwakukho udonga olungaphandle olungqalene namagumbi kwanentendelezo engaphandle; ukusuka egumbini lwaluziimitha ezingamashumi amabini anantlanu.

8. Njengokuba uluhlu lwamagumbi ayame intendelezo engaphandle lwaluziimitha ezingamashumi amabini anantlanu ubude, olo lwalukwicala elisondele esibingelelweni lwalungamashumi amahlanu eemitha ubude.

9. Amagumbi asezantsi ayenesango elingasempumalanga xa uwavelela kwintendelezo engaphandle.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 42