Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 41:7-18 Ibhayibhile (XHO96)

7. Amagumbi ayame endlwini kaThixo ayebanzi elingentla kunelingaphantsi kwalo. Ungqameko olujikeleze indlu kaThixo lwalwakhiwe ngokuya lunyuka, into ke leyo eyatsho namagumbi aye evuleka ngokunyuka kwawo. Kwakukho amanqwanqwa okunyuka ukusuka kumgangatho wokuqala ezantsi, agqobhoze kophakathi, aye kutsho kophezulu.

8. Indlu kaThixo yayirhangqwe ludonga emazantsi, olwalusisiseko samagumbi ayamileyo. Umlinganiso walo wawulinganiswa noluthi lokulinganisa, oko kukuthi luziimitha ezintathu.

9. Ububanzi bodonga olungaphandle lunamagumbi babuziimitha ezimbini ezinesiqingatha. Ububanzi bebala eliphakathi kwamagumbi ayamileyo

10. namagumbi ababingeleli lijikeleze yonke indlu kaThixo babulishumi leemitha.

11. Ibala eli lalinamasango amabini okuya kumagumbi ayamileyo, elinye lijonge emazantsi, elinye lijonge emantla. Ibala laliziimitha ezimbini ezinesiqingatha ububanzi lonke njengokuba lijikelezile.

12. Ububanzi bendlu eyayimi entshonalanga yentendelezo yendlu kaThixo babuziimitha ezingamashumi amathathu anantlanu, ububanzi bodonga lwayo buziimitha ezimbini ezinesiqingatha, ubude buziimitha ezingamashumi amane anantlanu.

13. Yenza umlinganiso wendlu kaThixo. Ubude bayo babungamashumi amahlanu eemitha. Intendelezo nesakhiwo esikufuphi, nazo zazibubude obungamashumi amahlanu eemitha.

14. Ububanzi bentendelezo engasempumalanga, bubandakanya nebala lendlu kaThixo, babuziimitha ezingamashumi amahlanu.

15. Yenza umlinganiso wesakhiwo esimalunga nentendelezo engemva kwendlu kaThixo, yafumana ubude baso budibene nobeevaranda zaso buziimitha ezingamashumi amahlanu.Igumbi langaphandle nelangaphakathi lesibingelelo, nevaranda ejonge entendelezweni,

16. kwanemigubasi neefestilana neevaranda zayo yomithathu, nayo yonke into ngaphaya kwayo, zazigqunywe ngamaplanga. Ngokunjalo umgangatho, udonga ukuya kuthi gaa ngeefestile, nkqu iifestile ngokwazo, zazigqunywe ngamaplanga.

17. Kule ndawo iphezu kwesango ngaphandle kwentendelezo ephakathi, nasezindongeni zeentendelezo ephakathi neyokuqala,

18. kwakuhonjiswe ngemifanekiso *yezithunywa ezimaphiko neyamasundu. Amasundu ayebolekisana nezithunywa ezimaphiko. Isithunywa esimaphiko ngasinye sasinobuso obubini.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 41