Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 41:15-26 Ibhayibhile (XHO96)

15. Yenza umlinganiso wesakhiwo esimalunga nentendelezo engemva kwendlu kaThixo, yafumana ubude baso budibene nobeevaranda zaso buziimitha ezingamashumi amahlanu.Igumbi langaphandle nelangaphakathi lesibingelelo, nevaranda ejonge entendelezweni,

16. kwanemigubasi neefestilana neevaranda zayo yomithathu, nayo yonke into ngaphaya kwayo, zazigqunywe ngamaplanga. Ngokunjalo umgangatho, udonga ukuya kuthi gaa ngeefestile, nkqu iifestile ngokwazo, zazigqunywe ngamaplanga.

17. Kule ndawo iphezu kwesango ngaphandle kwentendelezo ephakathi, nasezindongeni zeentendelezo ephakathi neyokuqala,

18. kwakuhonjiswe ngemifanekiso *yezithunywa ezimaphiko neyamasundu. Amasundu ayebolekisana nezithunywa ezimaphiko. Isithunywa esimaphiko ngasinye sasinobuso obubini.

19. Ubuso bomntu babujonge kwisundu, obengonyama bujonge kwelinye isundu. Le mifanekiso yayikrolwe kuyo yonke indlu kaThixo.

20. Ukusuka emgangathweni kuye phezu kwesango kwakukrolwe izithunywa ezimaphiko namasundu kudonga lwegumbi elingaphandle lesibingelelo.

21. Umgubasi wegumbi elingaphandle lesibingelelo wawumilise buxande, ngokunjalo nalowo wawumi phambi kweNgcwele kaNgcwele.

22. Kwakukho iqonga lomthi elimpakamo uyimitha enesiqingatha nelimacala alinganayo ayimitha enye ngalinye. Iimbombo zalo, nesiseko, kwakunye namacala, konke kwakungumthi. Yathi kum le ndoda: “Le yitafile emi phambi *kukaNdikhoyo.”

23. Umnyango wegumbi elingaphandle lesibingelelo nolweNgcwele kaNgcwele wawuneengcango ezimbini.

24. Umnyango ngamnye wawahlulwe kubini, ucango ngalunye luqhotyoshelwe kwicala lalo.

25. Kwakukrolwe izithunywa ezimaphiko namasundu ezingcangweni zegumbi elingaphandle lesibingelelo, njengoko kwakunjalo ezindongeni; kwakukho isixwexwe seplanga phezu kwevaranda ngaphambili.

26. Kwakukho iifestile kwiindonga ezingamacala evaranda, kwaza kwahonjiswa ngemifanekiso yesundu macala kuzo. Amagumbi ayamane nendlu kaThixo nawo ayenezixwexwe zamaplanga.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 41