Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 41:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Le ndoda yandisa kwigumbi lesibingelelo esingaphandle, yaza yenza umlinganiso wamacala aso. Ububanzi bawo babuziimitha ezintathu icala ngalinye.

2. Ububanzi ekungeneni babuziimitha ezintlanu, zona iindonga ezimi macala ziziimitha ezimbini ezinesiqingatha semitha ububanzi. Yenza nomlinganiselo wegumbi lesibingelelo elingaphandle, wafumana sibubude obuziimitha ezingamashumi amabini nobubanzi obuziimitha ezilishumi.

3. Yandula ukuya kwigumbi lesibingelelo eliphakathi, yenza umlinganiselo wamacala esango. Icala ngalinye laliyimitha ububanzi. Isango laliziimitha ezintathu ububanzi, bona ububanzi beendonga zamacala esango buziimitha ezintathu ezinesiqingatha.

4. Yenza umlinganiso wobude beli gumbi eliphakathi, yafumana bulishumi leemitha, ububanzi bukwalishumi leemitha ukusuka kwigumbi eliphandle. Yathi ke kum: “Le yiNgcwele kaNgcwele.”

5. Yaza yenza umlinganiselo wodonga lwendlu kaThixo, yafumana ububanzi buziimitha ezintathu, kanti wona amagumbi ayame endlwini kaThixo eyijikelezile ayeziimitha ezimbini ububanzi.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 41