Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 41:1-15 Ibhayibhile (XHO96)

1. Le ndoda yandisa kwigumbi lesibingelelo esingaphandle, yaza yenza umlinganiso wamacala aso. Ububanzi bawo babuziimitha ezintathu icala ngalinye.

2. Ububanzi ekungeneni babuziimitha ezintlanu, zona iindonga ezimi macala ziziimitha ezimbini ezinesiqingatha semitha ububanzi. Yenza nomlinganiselo wegumbi lesibingelelo elingaphandle, wafumana sibubude obuziimitha ezingamashumi amabini nobubanzi obuziimitha ezilishumi.

3. Yandula ukuya kwigumbi lesibingelelo eliphakathi, yenza umlinganiselo wamacala esango. Icala ngalinye laliyimitha ububanzi. Isango laliziimitha ezintathu ububanzi, bona ububanzi beendonga zamacala esango buziimitha ezintathu ezinesiqingatha.

4. Yenza umlinganiso wobude beli gumbi eliphakathi, yafumana bulishumi leemitha, ububanzi bukwalishumi leemitha ukusuka kwigumbi eliphandle. Yathi ke kum: “Le yiNgcwele kaNgcwele.”

5. Yaza yenza umlinganiselo wodonga lwendlu kaThixo, yafumana ububanzi buziimitha ezintathu, kanti wona amagumbi ayame endlwini kaThixo eyijikelezile ayeziimitha ezimbini ububanzi.

6. La magumbi ayeyimigangatho emithathu, oko kukuthi elinye lakhiwe phezu kwelinye, engamashumi amathathu kumgangatho ngamnye. Udonga lwendlu kaThixo lwalujikelezwe lungqameko lokuxhasa amagumbi ayame kulo, ngoko ke kwakungekho zixhaso zingena eludongeni.

7. Amagumbi ayame endlwini kaThixo ayebanzi elingentla kunelingaphantsi kwalo. Ungqameko olujikeleze indlu kaThixo lwalwakhiwe ngokuya lunyuka, into ke leyo eyatsho namagumbi aye evuleka ngokunyuka kwawo. Kwakukho amanqwanqwa okunyuka ukusuka kumgangatho wokuqala ezantsi, agqobhoze kophakathi, aye kutsho kophezulu.

8. Indlu kaThixo yayirhangqwe ludonga emazantsi, olwalusisiseko samagumbi ayamileyo. Umlinganiso walo wawulinganiswa noluthi lokulinganisa, oko kukuthi luziimitha ezintathu.

9. Ububanzi bodonga olungaphandle lunamagumbi babuziimitha ezimbini ezinesiqingatha. Ububanzi bebala eliphakathi kwamagumbi ayamileyo

10. namagumbi ababingeleli lijikeleze yonke indlu kaThixo babulishumi leemitha.

11. Ibala eli lalinamasango amabini okuya kumagumbi ayamileyo, elinye lijonge emazantsi, elinye lijonge emantla. Ibala laliziimitha ezimbini ezinesiqingatha ububanzi lonke njengokuba lijikelezile.

12. Ububanzi bendlu eyayimi entshonalanga yentendelezo yendlu kaThixo babuziimitha ezingamashumi amathathu anantlanu, ububanzi bodonga lwayo buziimitha ezimbini ezinesiqingatha, ubude buziimitha ezingamashumi amane anantlanu.

13. Yenza umlinganiso wendlu kaThixo. Ubude bayo babungamashumi amahlanu eemitha. Intendelezo nesakhiwo esikufuphi, nazo zazibubude obungamashumi amahlanu eemitha.

14. Ububanzi bentendelezo engasempumalanga, bubandakanya nebala lendlu kaThixo, babuziimitha ezingamashumi amahlanu.

15. Yenza umlinganiso wesakhiwo esimalunga nentendelezo engemva kwendlu kaThixo, yafumana ubude baso budibene nobeevaranda zaso buziimitha ezingamashumi amahlanu.Igumbi langaphandle nelangaphakathi lesibingelelo, nevaranda ejonge entendelezweni,

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 41