Amagumbi aseludongeni neendonga eziphongomileyo nevaranda yalo zazilingana nezamanye amasango. Isango nevaranda yalo zazineembobo zijikelezile macala onke. Ubude balo babuziimitha ezingamashumi amabini anantlanu, ububanzi buziimitha ezilishumi elinambini nesiqingatha.