Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 40:17-27 Ibhayibhile (XHO96)

17. Le ndoda yandingenisa kwintendelezo yokuqala. Apho ke ndabona amagumbi nendlela egangathiweyo ejikeleze yonke intendelezo. Amagumbi ayayamene nendlela le ayengamashumi amathathu.

18. Le ndlela igangathiweyo yayihamba ithi ngqu emasangweni, ububanzi bayo bulingana nobude bawo. Le ke ibiyindlela esemazantsi.

19. Yalinganisa umgama ukusuka phakathi kwisango elingezantsi kuye kuthi gaa ngaphandle kwentendelezo engaphakathi; wawuziimitha ezimashumi mahlanu kwisango lasempumalanga ngokunjalo nakwelingentla.

20. Yaza yalinganisa ubude nobubanzi besango elijonge emantla nelingena kwintendelezo yokuqala.

21. Amagumbi aseludongeni, emathathu kwicala ngalinye, iindonga zawo, eziphongomileyo kwanevaranda yalo, zifana nqwa ngomlinganiselo neziya ndawo zesango lokuqala. Ubude bebuziimitha ezingamashumi amabini anantlanu, ububanzi buziimitha ezilishumi elinambini nesiqingatha.

22. Iimbombo zalo nevaranda yalo nemihombiso yesundu zazilingana totse neziya zesango elijonge empumalanga. Amanqwanqwa alo asixhenxe ayejongene nevaranda.

23. Kwakukho isango lenkundla engaphakathi elijongene nesango elingentla njengoko kunjalo empumalanga. Wenza umlinganiselo ukusuka kwelinye isango ukuya kwelinye, waza waba ngamashumi amahlanu eemitha.

24. Yaza yandisa kwicala elingezantsi, apho ndibone isango elijonge ngezantsi. Yenza umlinganiselo wamacala alo kwanowevaranda yalo, yafumana ufana nowamanye amasango.

25. Isango nevaranda yalo lalineembobo phezulu njengakwamanye amasango. Ubude balo yayiziimitha ezingamashumi amabini anantlanu, ububanzi buziimitha ezilishumi elinambini nesiqingatha.

26. Amanqwanqwa alo ayesixhenxe, ejongene nevaranda yalo. Lalinemihombiso yesundu ezindongeni eziphongomileyo macala omabini.

27. Nayo intendelezo engaphakathi yayinesango elijonge emazantsi. Yenza umlinganiso womgama ukusuka kwisango elingaphakathi kuye kwelingaphandle, waba ngamashumi amahlanu eemitha.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 40