Ngonyaka wamashumi amabini anesihlanu wokuthinjwa kwethu, kanye ekuqalekeni konyaka, ngomhla weshumi enyangeni, kunyaka weshumi elinane emva kokoyiswa kweJerusalem, ngaloo mini kanye ndasiva isandla *sikaNdikhoyo, wandithatha wandisa eJerusalem.