Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 37:8-24 Ibhayibhile (XHO96)

8. Ndajonga kwaza kwavela imisipha nenyama kuwo, ambathiswa ngolusu, kodwa ayengekabi namoya.

9. Waza wathi kum: “Shumayeza umoya; wushumayeze, mntundini, uthi kuwo: ‘Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Moyandini, yiza uvela kwimimoya yomine, uphefumlele abafe ngekrele, khon' ukuze babe ngabaphilayo.’ ”

10. Ndashumayela ke njengoko endiyalela, waza umoya wangena kuwo, aba ngabaphilayo, avuka ema ngeenyawo – inyambalala yomkhosi.

11. Wathi ke kum: “Mntundini, la mathambo yindlu kaSirayeli iphela. Ithi: ‘Amathambo ethu omile; ithemba lethu lidakile; kuphelile kuthi.’

12. Ke shumayela uthi kuyo: ‘Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Bantu bam, ndiza kuwavula amangcwaba enu, ndize ndinikhuphe kuwo. Ndiza kunibuyisela ezweni lakwaSirayeli.

13. Niya kuqonda ke nina, bantu bam, ukuba ndinguNdikhoyo, xa ndiwavula amangcwaba enu, ndinikhupha kuwo.

14. Ndiya kufaka uMoya wam kuni, ukuze niphile, ndize ndinibeke ezweni lenu. Niya kuqonda ukuba mna Ndikhoyo ndithethile ndenza, utsho uNdikhoyo.’ ”

15. Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:

16. “Mntundini, thatha intonga, ubhale la mazwi kuyo: ‘EkaJuda namaSirayeli avana naye.’ Uze uthathe enye intonga, ubhale la mazwi kuyo: ‘Intonga kaEfrayim eyekaJosefu nayo yonke indlu kaSirayeli evana naye.’

17. Zidibanise zibe yintonga enye, zihlale zinjalo esandleni sakho.

18. “Xa amawenu ekubuza esithi: ‘Akusichazeli na into ethethwa sesi senzo?’

19. yithi kubo: ‘Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ndiza kuthatha intonga kaJosefu neyamaSirayeli avana naye esesandleni sikaEfrayim, ndiyidibanise nekaJuda, ndizenze zibe yintonga enye. Ziya kuba yintonga enye ke esandleni sam.’

20. Babonise iintonga obhale kuzo,

21. uze uthi kubo: ‘Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ndiya kuwaphuthuma amaSirayeli kwizizwe abalekele kuzo. Ndiya kuwaqokelela kuzo zonke iindawo, ndiwabuyisele ezweni lawo.

22. Abantu bakwaSirayeli ndiya kubenza isizwe esinye elizweni, phezu kweentaba zikaSirayeli. Baya kulawulwa ngukumkani omnye, bengasokuze babuye babe zizizwe ezibini, okanye bahlulwa-hlulwe babe ziikumkani ezimbini.

23. Abayi kuphinda bazingcolise *ngezithixo zabo ezingamasikizi okanye nangezinye izikreqo zabo, kuba ndiya kubahlangula bangabi sabuyela esonweni, ndibahlambulule. Baya kuba ngabantu bam, nam ndibe nguThixo wabo.

24. “ ‘Isicaka sam uDavide siya kuba yikumkani yabo; xa bebonke baya kuba nomalusi omnye. Baya kuhamba ngokwemithetho yam, bayinyamekele imimiselo yam bayenze.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 37