Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 37:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Amandla *kaNdikhoyo andongamela, waza wandifunqula ngoMoya wakhe, wandibeka esizikithini sentlambo eyayizele ngamathambo.

2. Wandijikelezisa phakathi kwawo, ndaza ndabona amathambo amaninzi ethe waca apho entlanjeni; ayesele ome nko.

3. Waza wathi: “Mntundini, angaba saphila na la mathambo?”Ndaphendula ndathi: “Nguwe owaziyo, Mhlekazi Ndikhoyo.”

4. Wathi ke kum: “Shumayeza la mathambo, uthi kuwo: Mathambondini omileyo, yivani ilizwi likaNdikhoyo!

5. Itsho iNkosi uNdikhoyo kula mathambo ukuthi: Ndiya kufaka umoya kuni ukuze nidle ubomi.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 37