Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 34:9-21 Ibhayibhile (XHO96)

9. ngoko ke, liveni ilizwi likaNdikhoyo, nina belusi:

10. Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ndiyalwa nabelusi, kwaye ndiya kuwubiza kubo owam umhlambi. Ndiza kubagxotha bangabi sawalusa umhlambi wam, ukuze bayeke ukwalusela iziqu zabo. Ndiza kuwuhlangula umhlambi wam, ungabi kukudla kwabo.

11. “Utsho uMhlekazi uNdikhoyo ukuthi: Uyabona, iigusha zam ndiya kuzifuna ngokwam, ndize ndizilondoloze.

12. Njengomalusi olondoloza umhlambi wakhe othe saa, nam ndiya kuzilondoloza iigusha zam. Ndiya kuzihlangula kuzo zonke iindawo ezathi saa kuzo ngomhla wamafu nobumnyama.

13. Ndiya kuzikhupha ezizweni, ndizibuthe emazweni, ndizifake kwelazo ilizwe. Ndiya kuzalusela ezintabeni eziphakamileyo zakwaSirayeli, ezingxingweni, nakuzo zonke izithanga zelizwe.

14. Ndiya kuzalusela emadlelweni aluhlaza; ziya kudla ezintabeni zakwaSirayeli. Ziya kubutha emadlelweni amahle, zidle eyona-yona ngca ezintabeni zakwaSirayeli.

15. Iigusha zam ndiya kuzalusa mna ngokwam, ndiziyeke zetyise, itsho iNkosi uNdikhoyo.

16. Ndiya kuzifuna ezilahlekileyo, ndiziphuthume ezidukileyo. Ndiya kuzibopha ezenzakeleyo, ndizomeleze ezibuthathaka; kodwa ndiya kuzinqamla ezityebileyo nezomeleleyo. Umhlambi ndiya kuwalusa ngobulungisa.

17. “Ke kuni, mhlambi wam, itsho iNgangalala uNdikhoyo: Ndiya kwahlula phakathi kwegusha negusha, ngokunjalo naphakathi kweenkunzi zeegusha nezeebhokhwe.

18. Akwanele na kuni ukudla kumadlelo amahle? Kuyimfuneko na ukuba idlelo eliseleyo nilinyhashe ngeenyawo zenu? Ananeli na kukusela emanzini angcwengileyo? Kungani ukuba amanye niwagxobha-gxobhe ngeenyawo zenu?

19. Nithi umhlambi wam mawutye loo ngca beniyinyhasha, usele loo manzi beniwagxobha-gxobha ngeenyawo zenu?

20. “Ke ngoko itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Jongani, ndim oya kukhetha igusha etyebileyo kwebhityileyo.

21. Kaloku benityhala ngamacala nangamagxa nizingquzula iigusha ezibuthathaka ngeempondo zenu zada zakhwelela.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 34