Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 34:13-25 Ibhayibhile (XHO96)

13. Ndiya kuzikhupha ezizweni, ndizibuthe emazweni, ndizifake kwelazo ilizwe. Ndiya kuzalusela ezintabeni eziphakamileyo zakwaSirayeli, ezingxingweni, nakuzo zonke izithanga zelizwe.

14. Ndiya kuzalusela emadlelweni aluhlaza; ziya kudla ezintabeni zakwaSirayeli. Ziya kubutha emadlelweni amahle, zidle eyona-yona ngca ezintabeni zakwaSirayeli.

15. Iigusha zam ndiya kuzalusa mna ngokwam, ndiziyeke zetyise, itsho iNkosi uNdikhoyo.

16. Ndiya kuzifuna ezilahlekileyo, ndiziphuthume ezidukileyo. Ndiya kuzibopha ezenzakeleyo, ndizomeleze ezibuthathaka; kodwa ndiya kuzinqamla ezityebileyo nezomeleleyo. Umhlambi ndiya kuwalusa ngobulungisa.

17. “Ke kuni, mhlambi wam, itsho iNgangalala uNdikhoyo: Ndiya kwahlula phakathi kwegusha negusha, ngokunjalo naphakathi kweenkunzi zeegusha nezeebhokhwe.

18. Akwanele na kuni ukudla kumadlelo amahle? Kuyimfuneko na ukuba idlelo eliseleyo nilinyhashe ngeenyawo zenu? Ananeli na kukusela emanzini angcwengileyo? Kungani ukuba amanye niwagxobha-gxobhe ngeenyawo zenu?

19. Nithi umhlambi wam mawutye loo ngca beniyinyhasha, usele loo manzi beniwagxobha-gxobha ngeenyawo zenu?

20. “Ke ngoko itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Jongani, ndim oya kukhetha igusha etyebileyo kwebhityileyo.

21. Kaloku benityhala ngamacala nangamagxa nizingquzula iigusha ezibuthathaka ngeempondo zenu zada zakhwelela.

22. Ke ngoko ndiya kuwuhlangula umhlambi wam, ukuze ungabuye ube lixhoba. Ndiya kwahlula phakathi kwegusha nenye.

23. Ndiya kuzimisela umalusi omnye, isicaka sam uDavide, oya kuzalusa kakuhle.

24. Mna Ndikhoyo ndiya kuba nguThixo wazo; sona isicaka sam uDavide soba yinkosi yazo. Nditshilo nje mna Ndikhoyo, nditshilo.

25. “Ndiya kwenza umnqophiso woxolo nomhlambi wam, ndiwagxothe amarhamncwa ezweni, khon' ukuze iigusha zam zihlale entlango, zilale nasemahlathini, ngaphandle koloyiko.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 34