Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 34:1-16 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ndaliva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:

2. “Mntundini, bakhalimele abelusi bakwaSirayeli; ewe, bakhalimele uthi kubo: Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Yehaa, abelusi bakwaSirayeli abakhathalele iziqu zabo kuphela! Ngaba abelusi àbafanele kwalusa umhlambi na?

3. Nidla ingqaka, nenze izinxibo ngoboya, nixhele ezona zityebileyo, kodwa aninankathalo ngomhlambi.

4. Anizomelezi ezibuthathaka, okanye nizinyange ezigulayo, kungenjalo nizibophe ezenzakeleyo. Anizinqandi eziphambukayo, okanye nizifune ezilahlekileyo. Ndaweni yaloo nto niziphethe gadalala nangenkohlakalo.

5. Ke ngoko zithe saa, kuba zingenaye umalusi, zaba ke njalo zilixhoba lamarhamncwa.

6. Iigusha zam zaya kutsho ezintabeni, zathi xakalala ezindulini zonke. Zathi saa kulo lonke ilizwe, akwabikho mntu ubuzisayo uzifunayo.

7. “Nina ke, belusi, yivani ilizwi likaNdikhoyo:

8. Ndikho nje ndiyafunga, itsho iNgangalala uNdikhoyo, ngenxa yokuba umhlambi wam ungenamalusi, suka wahlaselwa waba lixhoba lawo onke amarhamncwa, nasekubeni abelusi bengazifunanga ezilahlekileyo, kodwa basuke bakhathalela iziqu zabo endaweni yomhlambi wam,

9. ngoko ke, liveni ilizwi likaNdikhoyo, nina belusi:

10. Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ndiyalwa nabelusi, kwaye ndiya kuwubiza kubo owam umhlambi. Ndiza kubagxotha bangabi sawalusa umhlambi wam, ukuze bayeke ukwalusela iziqu zabo. Ndiza kuwuhlangula umhlambi wam, ungabi kukudla kwabo.

11. “Utsho uMhlekazi uNdikhoyo ukuthi: Uyabona, iigusha zam ndiya kuzifuna ngokwam, ndize ndizilondoloze.

12. Njengomalusi olondoloza umhlambi wakhe othe saa, nam ndiya kuzilondoloza iigusha zam. Ndiya kuzihlangula kuzo zonke iindawo ezathi saa kuzo ngomhla wamafu nobumnyama.

13. Ndiya kuzikhupha ezizweni, ndizibuthe emazweni, ndizifake kwelazo ilizwe. Ndiya kuzalusela ezintabeni eziphakamileyo zakwaSirayeli, ezingxingweni, nakuzo zonke izithanga zelizwe.

14. Ndiya kuzalusela emadlelweni aluhlaza; ziya kudla ezintabeni zakwaSirayeli. Ziya kubutha emadlelweni amahle, zidle eyona-yona ngca ezintabeni zakwaSirayeli.

15. Iigusha zam ndiya kuzalusa mna ngokwam, ndiziyeke zetyise, itsho iNkosi uNdikhoyo.

16. Ndiya kuzifuna ezilahlekileyo, ndiziphuthume ezidukileyo. Ndiya kuzibopha ezenzakeleyo, ndizomeleze ezibuthathaka; kodwa ndiya kuzinqamla ezityebileyo nezomeleleyo. Umhlambi ndiya kuwalusa ngobulungisa.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 34